Loo nqwelo yaya kuma malunga nelitye elikhulu entsimini yomfo ekwakusithiwa nguYoshuwa waseBhete-shemeshe. Bayinqunqa yaziinkuni loo nqwelo, baxhela nezo mazi, benzela ngazo uNdikhoyo idini elitshiswayo.