17. Wambuza esithi: “Lizwi lini na eli uNdikhoyo alithethe kuwe? Musa ukundifihlela; ndixelele. UThixo uya kuba nento yokwenza nawe ukuba akundixeleli into yonke ayithethileyo.”
18. Wachaza konke ke uSamweli, akafihla nto. Watsho wathi uEli: “Nguye uNdikhoyo; makenze loo nto abona ukuba ifanele ukwenziwa.”
19. Waya ekhula uSamweli, uNdikhoyo enaye, zaza nezinto ezathethwa nguSamweli zazalisekiswa.
20. AmaSirayeli, ukususela eDan kuye eBheshebha, aqonda ukuba uSamweli *wayengumshumayeli onyanisekileyo kaNdikhoyo.
21. UNdikhoyo ke wathi rhoqo ukuvela eShilo, apho wazityhila khona ngezwi lakhe kuSamweli.