1. Amabutho amaFilistiya aqokelelana eAfeki, waza umkhosi wamaSirayeli waya kumisa ngakumthombo waseYizereli.
2. Zaphuma iikumkani zamaFilisitiya, zihamba namabutho azo angamakhulu-khulu namawaka-waka. Yena uDavide namadoda akhe babelandela ngasemva, behamba kunye nokumkani uAkishe.
3. Zidumzele iinkokheli zamaFilistiya zakubabona, zathi: “La maHebhere afuna ntoni apha?”Kuphendule ukumkani uAkishe kweso sithuba, wathi: “Ngumphakathi kakumkani uSawule lo, uDavide. Selenethuba elide elapha kum, yaye andifumananga sikhwasilima kuye okoko wafikayo apha kum.”
4. Azimhoyanga iinkokheli zamaFilistiya, zaba nomsindo, zathi: “Makahambe lo mfo apha, aye kulaa dolophu wamnika yona. Makangayi kunye nathi emfazweni, hleze asijikele xa lishushu idabi. Leyo ingaba yindlela elula angaxolisa ngayo inkosi yakhe ngokubulala amadoda omkhosi wethu.