Emva koko uDavide ubhekise kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi umntakwabo-Jowabi (onina yayinguZeruya) wenjenje: “Ngubani phakathi kwenu ofuna ukuya nam kulaa kampu kaSawule?”“Ndim oza kuhamba nawe,” uvakele esitsho uAbhishayi.