Zafika kuSawule iindaba zokuba uDavide waya eKehila. Wavakala esithi: “Unikelwe nguThixo kum uDavide lo. Uzikhonkxile ngokwakhe ngokuya kungena kwidolophu enamasango atshixwayo.”