Waphendula uSawule wathi: “Ewe kambe, ndonile. Kodwa ke wena bonakalisa imbeko kum phambi kwezithwala-ndwe zamajoni am nangaphambi kwamaSirayeli. Ndikhaphe ndiye kuqubuda kuNdikhoyo uThixo wakho.”